Scira - Mr Nation - Kudala Ndikulindile lyrics

Published

0 77 0

Scira - Mr Nation - Kudala Ndikulindile lyrics

Title : Kudala Ndikulindile. (Prod. By Phungela) Name Of The Artist : Scira - Mr Nation Mixtape : Circle Of Life [Intro] Mr Nation, Circle Of Life [Verse 1] Kudala Ndikulindile Iminyaka Ide Yalishumi Kudala Ndityalile Nalembewu Aysahlumi Qho Xa Ndikucinga Ndyathandaza Ungazilumi Kudala Ndiqweba Isbindi, Neligila Alisandithumi Sendide Ndatyhafa Ngalengoma Ndiyancama Ndizivile Nengcebiso Ezindithumela Kwi Vamna Bath'uThando Alubon', Mhlawumbi Nawe Uyimfama Ndiphelelwe Ngamacebo Mandisuke Ndiyeke Ukuzama Amaxesha Amaninzi Xa Ndikbona Ndiyonwaba Unobuhle Bengilosi, Nalontliziyo Kum Yinqaba Xa Undinqabele Ndiye Ndinqwenele Unyuk'intaba Ukuthanda Umntu Ongak'thandiyo, Kukuzrghumbela Ingwaba Mhlawumbi Ndiyaziqhatha, Ndizibambisa Iliwa Awulosela Lentliziyo Kuba Le Yam Ayikabiwa Kudala Ndimemeza Kodwa Nguwe Andikaviwa Bendinqwena Uphila Nawe Kodwa Ngoku Kuyafiwa [Chorus] Phungela Kudala NdikLindile Kudala NdikLindile Ndidlale Ngexesha Lam Ndidlale Ngexesha Lam. X2 Ndiyahamba Mna Ndiyahamba Mna Ndiyahamba Mna Oh Oooh. X2 [Verse 2] Kudala Ndihleli Ethembeni, Esostulo Syadanisa Andisokuze Ndikfumane, Mand'yekuku Zinqwenisa Andoyiki Uthetha Nawe, Ndoyik'ukuziphoxisa Ngoku Ndiyanikezela Ndidikwe Kuzlibazisa Intliziyo Inehlwili, Eli Lelozixolisa Ngoku Ndishiyiwe, Kaloku Nam Ndazicothisa Ngoku Ndivutha Ngumsindo, Ingathi Bendiz'ntlontisa Kudala Ndizama Kodwa Kunzima Ukukholisa [Chorus] Phungela Kudala Ndik'Lindile Kudala NdikLindile Ndidlala Ngexesha Lam Ndidlala Ngexesha Lam X2 [Verse 3] Ndisoloko Ndixina Ingqondo Ngenjongo Zoklibala Kudala Ndithetha Nalamazwi Ayek' Udala Ndiphela Ndizisola Kuba Ndalala Ndasala Ngalengoma Ndiyazikhulula Kwaye Ndiphelisa Ixhala Ngenxa Yolinda Wena, Izinto Ezininzi Zind'phosile Ngobugwala Bam, Ndyazazi Ndiztyhafisile Andikubeki Tyala Ndim Lo Ndizdanisile Bendicinga Uyandithanda Kucacile Ndizqhathile Ngoku Ndilahla Ibhayi, Lentliziyo Mayixole Baninzi Abakufunayo Nam Ndiqonde Mandifole Kudala Ndiwela Kuwe Kodwa Awude Undichole Ingaba Uyandithanda, Mandikhe Ndikuhlole Andizophinda Ndikuhluphe Enkosi Ngonyamezela Bendikufuna Shushu, Wena Wasuka Wand'pholela Bendiguliswa Luthando Ngoku Indzondo NdiyayKhohlela Ngobugwala Bam Nam Ndiyazazi Ndazxolela [Chorus] Kudala Ndik'lindile Kudala Ndik'lindile Ndidlala Ngexesha Lam Ndidlala Ngexesha Lam Ndiyahamba Mna Ndiyahamba Mna Ohhh Oh Hoe Hoe Hoe X2