MaXhoseni - Xa Uthando Luse Lutsha lyrics

Published

0 82 0

MaXhoseni - Xa Uthando Luse Lutsha lyrics

[Verse 1:] Xa uthando luse lutsha ndimfow'nela kathathu ngemini Ndiyaku khumbula baby tyhini Saw'bonana nini? Yonke afuna uyiva ndiyamxelela Messages ezi sweet ndiyamsendela Lonk'ixesha ndiyamncoma uyababa ngempela Ndimbone encuma uchazekile Ngaphakathi ndizixelele intliziyo yakhe ndiyi winile Xa esenda u-Please Call ndithatha i-Phone ndimbhelele Sincokole kube mnandi i-airtime ide iphele Tyhini iphela njani le airtime iseshushu lencoko Khaw'thi ndikhuph'imali ndiye stolo kwa ngoko Ngalo mzuzu ndisaya eshop ndimsendela i-SMS "I Miss You Already" Ndimthembise ndizokwazisa kwi olady Athi "Baby kuse early what if uMama wakho akandithandi?" Ngaphakathi ndibe ndiqonda andithethi nyani qha ndimvisa kamnandi [Hook:] Xa Uthando Luse Lutsha Yonke ethethwayo ikwenza ungaz'boni ukuba uyabhanxwa uqhatheke Zona izithembiso ezenziwayo ziyenza intliziyo ithabatheke Xa Uthando Luse Lutsha Yonke ethethwayo ikwenza ungaz'boni ukuba uyabhanxwa uqhatheke Zona izithembiso ezenziwayo ziyenza intliziyo ithabatheke [Verse 2:] Ndaw'thi ujonga intliziyo yakhe ndiyi winile Kuyacaca ukuba nyhani iqhinga lam lisebenzile Undifow'nela andixelele itshomi zakhe zirhalela undibona Ndi-send(e) i-Pic yam aphendule sendixelela ziyancoma Wow sthandwa sam itshomi zam yaz zithi sifanelene kwaye zincoma amehlo wakho Ndiphendule sendisithi zinyanisile Xa ulapha uzundikhumbuze ndik'nike imali baby uyokwenza intloko yakho Xa uthando luse lutsha ndiyanyoba ngemali andigcisi Noba yintoni ayicelayo uyifumana ngok'khawleza andisokolisi Andilindi noba ayicele i-airtime ndiyamthengela Uyayazi ebusuku xa ndizolala ndiyamfow'nela Nase kuseni xa ndivukile ndiyafow'na imini emnandi ndiyam-wishela [Hook:] Xa Uthando Luse Lutsha Yonke ethethwayo ikwenza ungaz'boni ukuba uyabhanxwa uqhatheke Zona izithembiso ezenziwayo ziyenza intliziyo ithabatheke Xa Uthando Luse Lutsha Yonke ethethwayo ikwenza ungaz'boni ukuba uyabhanxwa uqhatheke Zona izithembiso ezenziwayo ziyenza intliziyo ithabatheke [Verse 3:] Now izinto zitshintshile xa sincokola ayisekho shushu incoko Into ebendiyifuna ndiyifumene ndiyekile ufow'na oko Xa esend'u Please Call andisafowni kwaye lonto uyayi qaphela Xa endibuza unobangela ndimxelele kwezi ntsuku i-airtime iyandinqabela Xa efuna sibonane ndiyazulisa i-excuse ihlal'ikhona Sthandwa sam andizubakho uKing Beema undicelile ndiyombukela edlal'ibhola Indlela endiqhuba ngayo ndifuna adikwe ade andilahle Ukuba siyancokola ku WhatsApp ndimphendula kade Ukuba undifownela ebusuku Ndivele ndiqal'uchuku Why undivusa ndilele ndise buthongweni? Ndi-drop(e) i-Phone yam enye nenye ndizoy'xoxa ekuseni [Hook:] Xa Uthando Luse Lutsha Yonke ethethwayo ikwenza ungaz'boni ukuba uyabhanxwa uqhatheke Zona izithembiso ezenziwayo ziyenza intliziyo ithabatheke Xa Uthando Luse Lutsha Yonke ethethwayo ikwenza ungaz'boni ukuba uyabhanxwa uqhatheke Zona izithembiso ezenziwayo ziyenza intliziyo ithabatheke