Mabuda - Bekukudala ngoko lyrics

Published

0 196 0

Mabuda - Bekukudala ngoko lyrics

Zandila iinqwelo zka mozisi Zandila iinqwelo zka mozisi Lwatshaba utshaba neembandezelo Kwavelukukhanya kwintsunguzi yobumnyama Aqhawka amatyathanga latelephula ihashe lam kwimigqomo ezanezandi ezitalatweni Ndiybon indlela eya empumelelweni, ndiqinisuphondo ndisiqabi bhotolo isiphiwo Sam Emva kwethubelide ndizulisa ndibheka bheka ndisenza okuphambebeyo nentliziyo yam Mali soze, xakunamhla isakhono Sam ndosenz intloko yenyoka ndoodudula ngaso lookati kweloziko Ndivumeleni ndidyushe ndibhomboloze phezukwezandi ndixolise umphefumlo wam Ndibalise okuviwe ziindlebe zam, ndinabise ngokubonwe ngamehlo am, Ndizobe imifanekiso ngendlela ehanjwe ziinyawo zam Onendlebe yokumamela uyakuzuza nto, ze izaphuselane ezibhidwe ngumkhondo zibuye ziwulande kwakhona . Ngoba kaloku esi ayisosiqalo yinqubela phambili yendlela eyasekwa kwamhla mnene. Uyeke nje ukuba ndaaphulukana nethemba ngenxa yokungabi namqolo Ukuphungu phunguza ukhangela indlela lula wokusondez ipeni suke, kuphuncuke kwaleyo igoso uzibone sowuyi muna muna Asiloqhinga indlela emfutshane kuba okuze lula kakade kufumbatha umzuzwana Ndiqinisekile uLadux uziqika qika kunene esakubona iindlela zam, umoya wakhe awufumani zinzo usakugilana nezenzo zam Lifikile ithuba mandibuyele enkomeni ngokwenene ndizibonile iziphoso zam Eli asilobali sisifungo senguquko kwanele, itshuphinda ntokaNzotho ibibubuyatha ukucinga ndinganako ukuyibukela isemka nomsinga intokazi yam Ubhelukazi olumanza ndonga olungenalo nechaphaza nasphaku wonkubani enomdla wokulibuka Nangona lingabonakali ngeso lenyama kodwa imisebenzi yalo isenzumahluko kwiingcinga zoontloko lukhuni nezilumko Mandiyihlangule ndibuye ndinike abantu ukutya kwabo, kungenjalo andisayikuxola de ndilishiye elimiyo ndingasi fezekisanga isethembiso Sam Andaleli bani, onomdla makakhwele siye apho kungenje. nangona singazi esodibana nako, ikakade amangomso asesihogweni sobona phambili Thwaluhadi lwakho Hlalutye sakuthi sokufuman umthunzi ulungombe ndoontyiloza phezukwalo Ndiyafunga okude kufuphi naloongxolo akanongasondeli, somnika ngaphezukoko Nangoku, esi ayisosiqalo yinqubela phambili yendlela eyasekwa kwamhla mnene Kungani ke ukungabaza nje ukuphumelela kwemigudu eyasungulwa kwakude kdala ngalamakhwenkwe? Sivumeleni simphakamise undlunkulu noko kudala ezolile ethozamile, ebukele nizenzela Sondelani yeyele ayingangathi xayinje Andibanjwanga andizothetha de ndiziqhawululwimi, mandihlale phantsi ndophakama futhi ndisakuphumza imixhadi Ikakade nesi ibisisithembiso ndinithembisa ukuninika ithemba kuba ndinethemba lokuba nondiniki themba nisakuthembela kum Ndaabeva besithamade ngawetyala amafutshane ngawothando, kuba ke ndinithanda seninonke mandiwenze mafutshane nalana Ngoba andinabudlelwane neengxoxo zamatyala ndandisuxolo, masgudlane sisulelane ngothando Sibambane sabelane ngezondlo zomphefumlo Xakulapho kanye andizotsho nokuba ndiyahamba nova kusithiwa ndimkile