Chorus Ngento anayo umntu uyaqhayisa Ngalow'usokolayo isityebi siyahlekisa Indod'etshonileyo kwi siziba ayihlangulwa Ingxaki ekwehleleyo xa inzima kuya vuywa Verse 1 Indoda xa libilil'ibunzi layo Ziyalosul'iintshaba zayo Ukuze kwelo bunzi ingabi nanto iyityayo Indoda engenazo Iintshaba kweli lizwe limagada ahlabayo Inqabile okwe Presenter engu Mkhwetha Abantu kweli lizwe bazincutshe zokuthetha Amazw'atyhafisayo Ebantwin'abazamayo Ukuba kwi siziba esinzulu uyantywila Abantu ezovuyo inyembezi bayaz'lila Abanye xa imoto engu mnyobo uyiqhuba Eyabo iminqweno yeyo kuba Usutywe kukufa Ukuz'abak'thandayo bashiyek'imiphefumlo ixhelekile Iintliziyo zophukile Inkaw'ityiw'ilila Ozamayo kweli lizwe bayam-k**er Yonk'imisebenzi ayenzayo seyincomeka bayagxeka Xa bembona entlitheka bayahleka Ukuz'aphel'amandla acand'ithafa loku tyhafa Azibone sel'engumntu ongena kamva Angayibon'ayiphilelayo Azikhoboze ngobutywala bukrobokayo Ngenxa yokumane etyhafiswa ziintshaba Azibone sel'ezimanya nez'gigaba Ezizo menza anabele uqaqaqa Inxeba leny'indoda kweli lizwe liyahlekwa Izintw'ezincomekayo ziyagxekwa Inxeba leny'indoda kweli lizwe liyahlekwa Chorus Ngento anayo umntu uyaqhayisa Ngalow'usokolayo isityebi siyahlekisa Indod'etshonileyo kwi siziba ayihlangulwa Ingxaki ekwehleleyo xa inzima kuya vuywa Verse 2 Indoda xa iwile yantlitheka Iphakama seyijingxela Zon'iintshaba sezihleka Ukub'inentliziyo ka Nozala Xa intshaba ziyinxwala iyagxwala Ngamanye amaxesha xa imvula ziyinetha Intliziyo nomphefumlo zixheleka Ide ilile izulise ith'amehlo abilile Ukuba kweli lizwe like uDaddy u-achieve(ile) Abantu basoloko benqwenela ukuva ukuba Usutywe kukufa wabhubha kuba Ngumona bayaqhutywa Indoda ezamayo Abantw'abayizondayo Ingcwaba bayigrumbela isaphila Inkaw'ityiw'ilila Iintshaba zonwabile ziyatshambaza Kuba ozamayo zimhlasele zamlimaza Indoda ngenxa yokubila isoma Kwii ntshaba isoloko ilixhoba Ukuba kwi siziba ziyifakile intshaba Abantu boyihlangula bayanqaba Usizi alutyiwa ozamayo uyakhilwa Iintshaba zisoloko ziqulunqa Iyelenqe lok'bhukuqa Umnt'ozimisele ekwenzeni Zonk'izinto ezimthumel'ekukhanyeni Iintshaba kweli lizwe zisoloko zihlasela Indoda ezamayo neyenz'imisebenz'encomekayo Chorus Ngento anayo umntu uyaqhayisa Ngalow'usokolayo isityebi siyahlekisa Indod'etshonileyo kwi siziba ayihlangulwa Ingxaki ekwehleleyo xa inzima kuya vuywa