Haayi, haayi [Chorus] Sibasa ngamalongwe (x4) Funda mntanam, qiniseka kakhulu Fund' ud' utyekez' imfundo le Uval' imilenze ungalimali ngalamakhwenkwe Azakushiya nemhoka-mhoka ongasob' uphume kuyo Kweli khaya kujongwe kuwe, ayikh' indoda Kuzobaswa ngalamaongwe, ye mntanam [Chorus] Sibasa ngamalongwe (x2) Kwelikhaya mntanam Sibasa ngamalongwe (x2) Khumbula ushiy' izindlu zisindwa ngodaka Ungalihlazis' ikhaya lakho, kujongwe kuwe
Ayikhw' indoda kwelikhaya If' ithwel' umnqwazi Kunzima kubaswa ngamalongwe [Chorus] Sibasa ngamalongwe (x2) Ye mntwanam Kubaswa ngamalongwe kwelikhaya kunzima Sibasa ngamalongwe Kubaswa ngamalongwe kwelikhaya kunzima Sibasa ngamalongwe Sibaliselan' amabali, sijikelez' umlilo Sibasa ngamalongwe Sibasa ngamalongwe ye mntanam Sibasa ngamalongwe kwelikhaya kunzima Kubaswa ngamalongwe kunzima Sibasa ngamalongwe (x3)